Igalelo athe walenza kulwimi lesiXhosa yinto engenakuphikiswa, kungoku nje iRhodes University eMakhanda imwongile ngomsebenzi wakhe.
UGqirhalwazi Noxolo Grootboom uthweswe isidanga esiyiHonorary Doctorate yeDoctor of Letters (D. Litt) yiYunivesithi iRhodes, eMakhanda. Esi sidanga sale yunivesithi yindlela yokumbulela ngomsebenzi omkhulu athe wawenza ukuphuhlisa ilwimi lesiXhosa kumabonakude.
Isekela-ngqonyela lale yunivesithi u Gqr. Sizwe Mabizela uthe isizwe sethu sinetyala elingahlawulekiyo lomkubulela ngako konke akwenzileyo ukunika ithemba ebesele lifuneka kuninzi lwabemi boMzantsi Afrika ngamaxesha okulahlekelwa nokuphelelwa lithemba kwesizwe kunye nokuba ngumthetheleli okhutheleyo wolwimi lwesiXhosa kuluntu.
Uqhube wathi babone kubalulekile ukuba iyunivesithi iRhodes ibonge igalelo lakhe eluntwini. “UMam’ uNoxolo uzifunde kakuhle ezi ndaba ngokuzingca.Umgca wophawu lwakhe lokuvala othi: ‘“Nanga ngobubusuku ningalala nombethe ingubo yemvisiswano, uxolo, nothando. Ndinithanda nonke emakhaya” iya kuhlala isisipho sakhe esinzulu nesihlala sihleli sothando, uxolo nenkathalo kwisizwe sethu. Ukuthobeka kwakhe nobuntu yinto engasoze ilibaleke. Ufanelwe leli wonga liphezulu leyunivesithi,” utshilo.
UGqr. Grootboom wenze umbulelo ongazenzisiyo kwiyunivesithi yase Rhodes nakwi lwimi lakhe lenkobe, isiXhosa. “Ndakube ndiyilozile xa ndingadombozi kulwimi lam lwenkobe, kuba ndikweli qonga namhlanje, kungenxa yesiXhosa. Gugulam elandikhupha endlaleni landondlalela itafile, gugu lam elandivuthulula ubumnyama landivathisa ukukhanya, gugu lam elandihlamba intandabuzo ndayintandokazi yesizwe,” utshilo.