Upapasho ndaba
SiliQumrhu leeLwimi zoMgquba, siyakwamnkela ukubekwa kukaJaji Mandisa Maya, njengenina lokuqala ukuba yintloko yeeJaji eMzantsi Afrika. Iintliziyo zethu sileliQumrhu zithe gcobho emafutheni luvuyo, kuba oku kubekwa kukaMandisa Maya kuza kuvulela amathuba amaninzi okuphuhlisa nokusebenzisa iilwimi zomgquba. UJaji Maya ngomnye weenjinga ekukhuthazeni ukusetyenziswa kweelwimi zesiNtu kwiinkundla zeli. Inkxaso yakhe nenkuthazo koogxa bakhe ekubeni basebenzise iilwimi zabo xa bebhala izigwebo, kubonisa ukuzinikela kwakhe ekukhuliseni ukusetyenziswa kweelwimi zomgquba kweli ngokulinganayo. Isigwebo sikaJaji Maya kumba weAfriforum neUNISA, sibonise ukuchubeka apho axhasa khona ukusetyenziswa kweelwimi zaseMzantsi Afrika kwiinkundla zeli. Asinasikrokro ke ngoku sileliQumrhu ukuba ukubekwa kwele Nkcubabuchopho njengentloko yeeJaji zeli loMzantsi Afrika kuza kuvula iindlela neenguqu kwimiba yeelwimi nobulungisa. SiliQumrhu leeLwimi zoMgquba sithi ukwanda kwaliwa ngumthakathi! Halala!
Qhakamshelana nathi:
Dr Zakeera Docrat (Usihlalo)
Prof Monwabisi Ralarala (Umhlasi)
Siki Dlanga (Umnxibelelanisi)
siki@ilaf.co.za