Chief Justice Mandisa Maya

IQumrhu leeLwimi Lamkela unyulo lukaJaji Mandisa Maya

Upapasho ndaba   SiliQumrhu leeLwimi zoMgquba, siyakwamnkela ukubekwa kukaJaji Mandisa Maya, njengenina lokuqala ukuba yintloko yeeJaji eMzantsi Afrika. Iintliziyo zethu sileliQumrhu zithe gcobho emafutheni luvuyo, kuba oku kubekwa  kukaMandisa Maya kuza kuvulela amathuba amaninzi okuphuhlisa nokusebenzisa iilwimi zomgquba. UJaji Maya ngomnye weenjinga ekukhuthazeni ukusetyenziswa kweelwimi zesiNtu kwiinkundla zeli.  Inkxaso yakhe nenkuthazo koogxa bakhe ekubeni basebenzise…