IQumrhu leeLwimi Lamkela unyulo lukaJaji Mandisa Maya
Upapasho ndaba SiliQumrhu leeLwimi zoMgquba, siyakwamnkela ukubekwa kukaJaji Mandisa Maya, njengenina lokuqala ukuba yintloko yeeJaji eMzantsi Afrika. Iintliziyo zethu sileliQumrhu zithe gcobho emafutheni luvuyo, kuba oku kubekwa kukaMandisa Maya kuza kuvulela amathuba amaninzi okuphuhlisa nokusebenzisa iilwimi zomgquba. UJaji Maya ngomnye weenjinga ekukhuthazeni ukusetyenziswa kweelwimi zesiNtu kwiinkundla zeli. Inkxaso yakhe nenkuthazo koogxa bakhe ekubeni basebenzise…