IsiXhosa lilifa, uncwadi lwesiXhosa lilifa

“IsiXhosa lilifa, uncwadi lwesiXhosa lilifa.”  La ngamazwi atshiwo nguGqirhalwazi Athambile Masola, nothe wabhala wakhupha ingqokolela yemibongo engumzame wokuzikisa nokuphonononga ubumnandi nobunzima bobomi kwihlabathi esiphila kulo namhlanje. Waziwa kakhulu njengombhali obhala izincoko, kodwa uGqirhalwazi Masola uthe nangona esaziwa kanjalo imibongo sekumzuzu eyibhala kodwa ibiyinto azenzela yona bucala yaye ibingashicilelwanga. “Imibongo yona yohlukile kwizincoko, kodwa ndithe ndakuqaphela…